Revelation 13:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kunikwa lona umlomo uteta izinto ezinkulu nezigxeko; lanikwa negunya lokuba lifeze inyanga zibe ngamashumi mane anambini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso;kanjalo lanikwa igunya lokulwa iinyanga ezimashumi mane anesibini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; lanikwa igunya lokuqhubeka iinyanga ezimashumi mane anesibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isithuba esingangeenyanga ezimashumi mane anambini irhamncwa lavunyelwa ukuba lisebenzise amagunya alo, lithethe izinto ezimanyumnyezi, liqalekise.