Revelation 14:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti umsi wokumbelwa kwabo unyuke kude kube ngunapakade kanapakade; abanakupumla ke nasemini nasebusuku, abo babedeshayo ir̔amnco nomfanekiso walo, nosukuba elwamkela upa̔u lwegama lalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Unyuka umsi wokuthuthunjelwa kwawo, use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku, abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nabani na owamkelayo uphawu lwegama lalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”