Revelation 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndeva ilizwi livela ezulwini, lisiti kum: Ba̔la ukuti: Banetamsanqa abafileyo abafelayo enkosini emveni kwoku. Ewe, utsho umoya, ukuze bapumle kuyo imizamo yabo; iti imisebenzi yabo ilandele kwa nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaza ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi kum: “Bhala uthi: ‘Banoyolo abo bafa bezinikele eNkosini, nemisebenzi yabo iyabalandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala uthi: ‘Ewe kambe, banoyolo abo bafa bezinikele eNkosini!’ Ewe, ukusukela ngoku uMoya uthi: ‘Baphumle ekubulalekeni kwabo, baphahlwe ziziqhamo zemisebenzi yabo.’ ”