Revelation 14:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bangabo abebengadyojwanga ngamankazana; ngokuba befana nentombi zipela. Aba bangabo abalandelayo imvana apo isukuba isiya kona. Aba bebetengiwe kubo abantu, babe lulibo kuye utixo nakuyo i mvana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba bathengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi; ngokuba banyulu. Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba bathengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba ke ngabo bangazidyobhanga ngamabhinqa. Ewe, banyulu. Bona bathe ngcembe emva kweXhwane. Aba bakhululwe bephuma kulo lonke uluntu. Balulibo lukaThixo kunye neXhwane.