Revelation 14:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NDAZA ndabona enye ingelosi ibaleka ngamapiko pakati kwezulu, inayo ivangeli engunapakade, ukuba iyishumayele kubo abemiyo pezu kwomhlaba, nakuzo zonke intlanga, nezizwe, nenteto, nabantu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndabona isithunywa sindanda phezulu esibhakabhakeni. Sasithunywe ukuba siye kuvakalisa uncuthu lweendaba ezingasoze zithini. Zona zezabo bonke abantu behlabathi, iintlanga, iilwimi ngeelwimi, nezizwe ngezizwe.