Revelation 14:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza eyesitatu ingelosi yazilandela, isiti ngelizwi elikulu: Osukuba ebedesha ir̔amnco nomfanekiso walo, amkele upa̔u pezu kwebunzi lake, umhlaumbi esandleni sake,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Saza esesithathu isithunywa sazilandela, sithetha ngezwi elikhulu, sisithi, Ukuba ubani ulinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, walwamkela uphawu lwakhe ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokukwanjalo salandela nesinye isithunywa simemeza sisithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa kunye nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzi okanye esandleni,