Revelation 15:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina ongayi kwoyika wena, Nkosi! adumise igama lako? ngokuba enguwe wedwa oyingcwele: ngokuba zonke intlanga ziya kuza, zibedeshe pambi kwako; ngokuba izigwebo zako zibonakalisiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na ongekhe akoyike, Yehova, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba nguwe wedwa ongcwele; ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho; ngokuba ibonakalisiwe imigwebo yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi? Kaloku nguwe wedwa oyingcwele. Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe, kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”