Revelation 16:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bengomoya bedemoni besenza imiqondiso, abapuma ukuya kubo okumkani bomhlaba nabelimiwayo lonke, ukubahlanganisela ekulweni kwalowo umhla omkulu katixo usomandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yayiziindimoni ezinamandla okwenza imilingo. Zazithunywe ukuya kuqokelela edabini zonke iikumkani zelizwe ngaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.