Revelation 16:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo izico̔to ezikulu, zilingana netalente ukuba nzima kwazo, zehla ezulwini pezu kwabantu: baza abantu bamgxeka utixo ngenxa yesosibeto sezico̔to; ngokuba sikulu isibeto sazo kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esimatye ngathi ubunzima bawo yitalente ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso, ngokuba sisikhulu kakhulu isibetho saso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esibunzima bubunzima bumalunga netalente ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso; ngokuba sibe sikhulu kakhulu isibetho sayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwawa isichotho esingamatye amakhulu. Ilitye ngalinye lalimalunga namashumi amahlanu eekhilogram ubunzima. Sabatyhumfuza abantu. Bamqalekisa uThixo abantu ngenxa yesibetho seso sichotho soyikekayo.