Revelation 16:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Batshiswa ke abantu ngobushushu obukulu, baligxeka igama likatixo onamandla pezu kwezibeto ezi; kanti abaguquka ukuba bamnike udumo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Batsha abantu bubushushu obukhulu, balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Batsha abantu seso sihogo. Baliqalekisa igama likaThixo ezeza ngegunya lakhe ezo zibetho. Kodwa abazanga bahlukane nezono, banqule uThixo.