Revelation 17:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ir̔amnco elo, elibe liko, elingekoyo kanjalo, kwa lona lingowesibozo, lingowakubo abasixe̔nxe kanjalo, eliya entshabalalweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, lona lingowesibhozo okwangowabasixhenxe; umka aye entshabalalweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Irhamncwa elaye likho, elingasekhoyo, lona lingowesibhozo, ukwangowabasixhenxe, liye entshabalalweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke lona irhamncwa, elo lalikhe lakho lingasekhoyo ngoku, lingowesibhozo – nakuba lingomnye wabasixhenxe nje – futhi liza kutshabalala.