Revelation 17:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nempondo zilishumi ezo wazibonayo, zingokumkani abalishumi, abangekabamkeli ubukumkani ke; koko belamkela igunya njengokumkani iyure inye ndawonye ner̔amnco elo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iimpondo ezilishumi owazibonayo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekamkeli bukumkani, basuka bamkele, njengookumkani, igunya lelixa elinye kunye nerhamncwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iimpondo ezilishumi ozibonileyo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekabi nabukumkani. 11 R kodwa ke bamkela igunya njengookumkani ilixa elinye kunye nerhamncwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Zona iimpondo ezilishumi ozibonileyo, ngookumkani abalishumi abangekaqali ukulawula. Kambe ke baya kwabelana ngolawulo kunye nerhamncwa okwethutyana nje.