Revelation 17:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba baya kulwa nayo imvana, yoti ke imvana iboyise; kuba i yinkosi kankosi nokumkani kakumkani; kwa nabo abanayo, bengababiziweyo, nabaqashiweyo, nabanyanisekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aba baya kwenza imfazwe neMvana. IMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; baya kweyisa nabo banayo, babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aba baya kwenza imfazwe neMvana. iMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; nabo banayo babiziweyo, banyuliwe, bathembekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kulwa neXhwane, kodwa liboyise. Kaloku lona liyiNkosi yamakhosi, iKumkani yeekumkani. Abalandeli balo baya kuba nenxaxheba kolo loyiso lwalo. Ewe, nditsho abanyulwa ababiziweyo nabathembekileyo.”