Revelation 17:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ir̔amnco elo walibonayo, libe liko, kanjalo aliko; liza kuti ke linyuke esinzulwini, liye entshabalalweni; babeya kuti nqa abemiyo pezu kwomhlaba, abamagama angaba̔lwanga kuyo incwadi yobomi kwa sekumisweni kwelizwe, bakubona ir̔amnco elo, elibe liko, elingekoyo kanjalo, elikoyo noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Irhamncwa owalibonayo laye likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, limke liye entshabalalweni. Baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhaliweyo encwadini yobomi kuseloko kwaba sekusekweni kwehlabathi, belibona nje irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Irhamncwa owalibonayo lalikho, alikho; Liya kunyuka liphume enzonzobileni, liye entshabalalweni; baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi kususela ekusekweni kwehlabathi, xa balibonayo irhamncwa elaye likho, lisithi, akakho, ukanti ukho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Elo rhamncwa ulibonileyo lelo lalikho, lingasekhoyo ngoku; kambe ke lisaza kuphuma enzonzobileni, landule ke ukuya kwantshabalalo. Abo bamagama angazange abhalwe encwadini yabaphilayo, seloko lasekwayo ihlabathi, baya kumangaliswa bakulibona irhamncwa; kuba kaloku lalikhe ladla ubomi, kodwa ngoku alisekho, phofu lisaza kubuya livele.