Revelation 18:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bemi bekude ngenxa yokwoyika ututumbo lwayo, besiti: Yo, yo, esosixeko esikulu i‐Babilone, esosixeko esomeleleyo! kuba kwiyure inye kufikile ukugwetywa kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu iBhabheli, mzi unamandla! ngokuba kufike ngaxa linye umgwebo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka!’