Revelation 18:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
intengelo yegolide, neyesilivere, neyamatye anqabileyo, neyeperule, neyeqiya eshiceneyo, neyencawe ebomvu, neyesilike, neyencawe ebomvumnyama; nemiti yonke enuka mnandi, nempahla zonke zopondo lwendlovu, nempahla zonke zemiti enqabileyo kakulu, nezexina, nezesincete, nezamatye akazimlayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile, Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa, Nomthi wonke ongumsedare, Nezitya zonke zeempondo zeendlovu, Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu, Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Urhwebo lwegolide, nesilivere, namatye anqabileyo, neeperile, nelinen ecikizekileyo, nemfusa, nesilika, nebomvu, nomthi wakho wonke, neempahla zonke zeempondo zeendlovu, neempahla zonke zomthi onqabileyo; nobhedu, nesinyithi, nelitye lenyengane;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile;