Revelation 18:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ziti iziqa̔mo zenkanuko yompefumlo wako zimkile kuwe, nazo zonke izinto zako ezityebileyo nezintle zimkile kuwe, waungasayi kubuya uzifumane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe;Akusayi kuba sazifumana zona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; akusayi kuphinda uzifumane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’