Revelation 18:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuba kwiyure inye buci̔takele ubutyebi obungaka. Kanjako bonke abakokeli benqanawa, nabo bonke abahambayo ezinqanaweni, nomatrose, nabo bonke abasebenzayo elwandle, bema bekude,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni, Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka. Bonke oomatiloshe, nebandla lonke lasezinqanaweni, noomateloshe, nabo bonke abashishina elwandle, bema kude.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’ “Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya,