Revelation 18:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza baposa utuli ezintlokweni zabo, badanduluka, belila bekala nokukala, besiti: Yo, yo, esosixeko esikulu, abati kuso batyeba bonke ababenazo inqanawa elwandle ngenxa yendyebo yaso enqabileyo! kuba kwiyure inye sici̔takele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzimkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! Ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bazigalela ngomhlaba, bengqukruleka beselusizini besithi: ‘Awu, kunyembelekile, sixekokazindini, apho bonke abahamba ngeenqanawa bamfimfithe khona ubutyebi! Ngomzuzwana nje usuke uthi shwaka.’