Revelation 18:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza ingelosi eyomeleleyo yafunqula ilitye njengelitye lokusila ukuba likulu kwalo, yalikahlela elwandle, isiti: Iya kwenziwa njalo ukuwiswa ngamandla i‐Babilone esosixeko esikulu, yayingasayi kuba safunyanwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi: Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Saza isithunywa esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo, saliphosa elwandle, sisithi, Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi safunyanwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo enye ingwanyalala yesithunywa yathatha ilitye elingathi lilitye lokusila, yaliphosa elwandle, yathi: “Siya kwenziwa nje ke isixekokazi iBhabheli, sintlithwe phantsi, singaze siphinde sibonwe bani.