Revelation 18:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ilizwi lababeti begitare, nelabaculi, nelabagwali, nelabahlokomisa amaxilongo, alisayi kuba saviwa pakati kwako; nenci̔bi, noke ubunci̔bi bazo bunjanina, ayisayi kuba safunyanwa nanye pakati kwako; nentlokoma yelitye lokusila ayisayi kuba safunyanwa pakati kwako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavutheli-maxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe; Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe; Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nesandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavutheli-xilongo, asisayi kuba saviwa kuwe; Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe; Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abadlali behapu, neemvumi, abakhalisa ifluti nexilongo, abasoze baphinde babe khona apho kuwe. Soze kuphinde kubekho magcisa alo naluphi na udidi apho kuwe, singasoze siphinde sivakale nesandi selitye lokusila!