Revelation 18:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokukanya kwesibane akusayi kuba sabonakala pakati kwako; nelizwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa pakati kwako: ngokuba abatengi bako bebeyimiduna yomhlaba; ngokuba ngokutakata kwako zalahlekiswa intlanga zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akusoze kuphinde kubonakale nalitha lesibane apho, engasoze eviwe namazwi omyeni nomtshakazi apho kwakho! Oosomashishini bakwakho bakhe bazizinhanha zehlabathi; ewe, ngemilingo yakho wazilahlekisa izizwe!