Revelation 19:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndawa pambi kwenyawo zayo ukuba ndiyibedeshe. Yayisiti kum: Lumka ungenje njalo: ndisisicaka kunye nawe nakunye nabazalwana bako abanabo ubunqi̔na buka‐Yesu; mbedeshe utixo: ngokuba ubunqi̔na buka‐Yesu bungumoya wobuprofitesho.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo, kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndazikhahlela ngasezinyaweni zaso ndinqula. Suka sathi sona kum: “Mus' ukuyenza loo nto. Nam ndisisicaka njengawe namawenu angamangqina kaYesu. NguThixo omakanqulwe. Abo bangamangqina kaYesu banikwa ifuthe loMoya *njengabashumayeli.”