Revelation 19:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwabanjwa ir̔amnco elo, nomprofite obuxoki ndawonye nalo, lowo owenza imiqondiso ebusweni balo, abete ngayo wabakohlisa abo balwamkelayo upa̔u lwer̔amnco, nabo bawubedeshayo umfanekiso walo. Aba bobabini baposwa bepilile ecibini lomlilo elivutayo ngesufure.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkelayo uphawu lwerhamncwa, nabo baqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkelayo uphawu lwerhamncwa, nabo baqubuda kuwo umfanekiselo walo; Bobabini baphoswa behleli edikeni lomlilo elivutha isulfure.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lathinjwa irhamncwa, ngokunjalo *nomshumayeli oxokayo obefudula esenza imilingo phambi kwalo. (Wabalahlekisa ngemilingo abo babenophawu lwerhamncwa, benqula umfanekiso walo.) Elo rhamncwa ndawonye nomshumayeli oxokayo baphoswa edikeni lomlilo ovutha yisalfa besahleli.