Revelation 19:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kunikwa kuye ukuba ambeswe ngeqiya eshiceneyo, emsulwa, ekazimlayo: ngokuba leqiya eshiceneyo izizenzo ezilungileyo zabangcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, eqaqambileyo, emhlophe; kuba ilinen ecikizekileyo leyo bubulungisa babangcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wambeswe umwunduwundu omhle womchako omhlophe welinen eqaqambileyo.” (Kaloku ilinen entle yalatha imisebenzi elungileyo yemilowo kaThixo.)