Revelation 2:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyazi imisebenzi yako, nalapo uhlala kona, apo iterone ka‐Satane ikona; kanjalo uyalibamba igama lam, akukanyelanga ke ukolo lwam, kwa nakuleyo imihla u‐Antipasi ubelinqi̔na lam elinyanisekileyo kuyo, owabulawa pakati kwenu, apo u‐Satane ahlala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho sikhona isihlalo sikaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kwam, nasemihleni uAntipas, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyayazi le ndawo uhlala kuyo: Kusebhotwe kwaSathana! Kodwa nakuba kunjalo awundilahlanga. Awuzange utyhafe undikhanyele, nangethuba kwakubulawa ingqina lam elithembekileyo uAntipas, apho kuloo dolophu yakho ilikhaya likaSathana.