Revelation 2:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nditi kuni, kwa kubo abanye abase‐Tiyatira, bonke abangenalo ufundiso olu, nabo basukuba bengazazanga izinto ezinzulu zika‐Satane, njengokuba besitsho: Andiyi kubeka pezu kwenu omnye umtwalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshovo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana, njengoko batshoyo; andiyi kubeka phezu kwenu mthwalo wumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Kodwa ke abanye benu apha eTiyatire khange bayingene le mfundiso. Aninamava ngale nto abanye bathi yimfihlelo kaSathana. Nina andiyi kunibeka xanduva lumbi.