Revelation 20:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako u‐Satane obebakohlisa waposelwa ecibini lomlilo nesufure, apo kukona iṙamnco nomprofite obuxoki; babeya kumbelwa emini nasebusuku kude kube ngunapakade kanapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti wobuxoki; baya kuthuthunjiswa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Okokwakhe umtyholi, umlahlekisi wazo, yena wathiwa dywa echibini lomlilo onesalfa, apho irhamncwa kunye *nomshumayeli oxokayo bebesebephoswe khona. Apho ke baya kungcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.