Revelation 20:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yayiposela esinzulwini, yayivalela, yabeka isincamatiselo pezu kwayo, ukuze ingabi sazikohlisa intlanga, lide lifezwe elowaka leminyaka: nasemveni kwoko ifanele ukukululwa ixesha elincinane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sayiphosa enzonzobileni, samvalela, satywina phezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko umelwe kukuthi akhululwe ixeshana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Salifaka enzonzobileni, sawuvala umnyango, sawutywina, sisenzela ukuba lingabe liphinde lilulahlekise uluntu kude kuphele iwaka leminyaka. Emva kwelo thuba igongqongqo limelwe kukukhululwa; phofu okwethutyana nje elingephi.