Revelation 20:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndazibona iterone, bati bahlala pezu kwazo, banikwa ukugweba: ndabona nemipefumlo yabebenqunyulwe intloko ngezembe ngenxa yobunqi̔na buka‐Yesu, nangenxa yelizwi likatixo, nabo basukuba bengalibedeshanga ir̔amnco, kwa nomfanekiso walo, ababengalwamkelanga kanjalo upa̔u lwalo pezu kwebunzi labo napezu kwesandla sabo; baza bapila bapata ubukumkani ndawonye no‐Kristu iwaka leminyaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo.Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo; ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, ababengalinquli irhamncwa nerhamncwa, umfanekiso wakhe, bengalwamkelanga uphawu lwakhe emabunzini abo, nasezandleni zabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka.