Revelation 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sona isixeko simi sinamacala mane; nobude baso bungaka njengokuba bunjalo ububanzi baso: waza wasilinganisa isixeko ngengcongolo leyo kude kwazizitadiya ezingamawaka alishumi linesibini: ubude nobubanzi nobupakamo baso buyalingana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umzi lowo umbombo-ne ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isixeko eso sasinamacala amane ambombo-ne, ubude bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi elinesibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amacala omane ayelingana, ubude bungangobubanzi. Isithunywa salinganisa ubukhulu besixeko ngenduku yaso. Safumana buziikhilomitha ezilishumi elinesibini lamawaka, ubude kwanobubanzi baso. Sasikwangako ukuphakama.

Recommended Reading