Revelation 21:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuti kanjalo kungaki kungene kuso nanye into enco̔lisayo, neyenzayo okubuntshontsho nokubuxoki; kupela ngabo bodwa ababa̔liweyo encwadini yobomi yemvana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhaliweyo encwadini yobomi yeMvana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyi kungena bubi khona; akuyi kungena nasingcoli naxoki; kuphela kongena abo babhaliweyo encwadini yeXhwane, leyo yeenkcukacha zobomi.