Revelation 21:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndeva ilizwi elikulu livela ezulwini, lisiti: Bona ke, itabanakele katixo inabantu, waeya kuhlala nabo; bona boba ngabantu bake, naye utixo ngokwake woba nabo, e ngutixo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi, Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo.