Revelation 21:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo utixo uya kusula zonke inyembezi emehlweni abo: nokufa akuyi kuba seko; nosizi, nokulila, nobuhlungu abuyi kuba seko: ngokuba izinto zokuqala zimkile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu;Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo; kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”