Revelation 3:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, kwa nam ndokugcina wena kulo ixeshana lokulingwa, eliya kuza pezu kwelimiwayo lonke, ukuza kulinga abo bemiyo pezu kwomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliya kulifikela lonke elimiweyo, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngenxa yokuba uzingisile ekulithobeleni ilizwi lam elikubizela ekunyamezeleni, ndiza kukuhlangula kwishwangusha eliza ehlabathini lize kulinga bonke abantu.