Revelation 3:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Owoyisayo, yena ndiya kumenza intsika etempileni yotixo wam, aze angabi sapuma kona: ndandiya kuba̔la pezu kwake igama lotixo wam, negama lesixeko sotixo wam, le‐Yerusaleme entsha, eso sihlayo ezulwini kuye utixo wam; kwa negama lam elitsha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam.Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam, angabi saphuma ephuma, ndaye ndiya kulibhala phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, eyiYerusalem entsha; lowo uhla ephuma emazulwini evela kuThixo wam, ndaye ndiya kulibhala kuye igama lam elitsha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lowo woyisayo ndiya kumenza intsika yendlu kaThixo wam, angaze ahlukane nayo. Ndiya kulibhala kuye igama likaThixo wam negama lesixeko sikaThixo wam. Ewe, ndixela iJerusalem entsha, leyo izayo, iphuma ezulwini kuThixo wam. Ngokunjalo ndiya kulibhala kuye negama lam elitsha.