Revelation 3:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndiyakunika icebo lokuba utenge kum igolide icokisiwe ngomlilo, ukuze utyebe; nezivato ezimhlope, ukuze wambeswe, nokuba lingabonakaliswa ihlazo lobuzé bako; nesitambiso sokutambisa amehlo ako, ukuze ubone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide enyityilikiswe ngomlilo yacwenga, ukuze ube sisityebi. Ngokunjalo thenga neempahla ezimhlophe, ukuze ubufihle ubuze bakho. Thenga nentambiso, uqabe amehlo akho, khon' ukuze ubone.