Revelation 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko unawo amagama amancinane nase‐Saradise angadyobanga izivato zawo; babeya kuhamba nam ben ezivato ezimhlope, kuba befanele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.