Revelation 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Owoyisayo, yena lo uya kwambeswa ngezivato ezimhlope: kanjalo andisayi kucima igama lake encwadini yobomi; ndandiya kuvuma igama lake ebusweni bukabawo, nasebusweni bengelosi zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe.Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe; Andiyi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe phambi koBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.