Revelation 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyazi imisebenzi yako; bona ke, ndinikile pambi kwako ucango oluvulekileyo, ekungeko ongaluvalayo, ngokuba unawo amandla amancinane, nelizwi lam uligcinile, negama lam akulikanyelanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyazazi iindlela zakho. Khangela ndibeke ucango oluvuliweyo phambi kwakho. Akukho bani unako ukuluvala. Ndiyazi ukuba amandlana onawo akangako, kodwa ulithobele ilizwi lam, àkwandikhanyela.