Revelation 3:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndinika abo bakuyo intlanganiso ka‐Satane, abo bati bona bangama‐Juda, kanti abangawo, koko bexoka; bona ke, ndiya kubenza ukuba beze babedeshe pambi kwenyawo zako, baze baqonde ukuba ndikutandile mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndibanika abendlu yesikhungu kaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kwenza le nto ke: Abo baligquba likaSathana, amamenemene azenza amaJuda engengawo, ndiya kubathoba, bakhahlele kuwe, bazi ukuba ndiyakuthanda.