Revelation 5:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku mna ndibe ndilila kakulu, kuba bekungafunyanwanga namnye ofanele ukuvula nokulesesha incwadi leyo, nokuyikangela kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga namnye ufanele ukuyivula nokuyilesa incwadi, nokuyikhangela oku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga bani ufanele ukuyivula nokuyifunda le ncwadi, nokuyikhangela nakuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe kwakungafumaneki bani ukufaneleyo ukuyivula ayifunde incwadi leyo, zehl' iinyembezi kum.