Revelation 5:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bevuma iculo elitsha, besiti: Ufanele ukuyitabata incwadi, nokunqika izincamatiselo zayo; ngokuba wabingwayo, wasitengela utixo ngegazi lako, kuzo zonke izizwe, nenteto, nabantu, nentlanga,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Avuma ingoma entsha, esithi: Ufanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo; Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho, Siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuma ingoma entsha, besithi, Ufanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo; ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho, siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, isizwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ayevuma ingoma entsha, esithi: “Ukufanele wena ukuyithatha incwadi; ukufanele wena ukuluqhaqha uphawu lwayo. Ewe, kaloku wena wabulawa; ngegazi lakho waluthengela uThixo uluntu kuzo zonke iintlanga neelwimi, kubantu ngabantu nezizwe ngezizwe.