Revelation 6:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwanikwa kubo abanye ngabanye ingubo ezimhlope, kwatshiwo kubo ukuti mababe besapumla kube lixesha elincinane, bade bazalisekiswe inani labo nabo abazizicaka kunye nabo nabazalwana babo, abaya kubulawa kwa njengabo bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabakhonza kunye nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Elowo nalowo kubo wathiwa wambu ngomnweba omhlophe. Ngokunjalo kwathiwa mabakhe balinde okwethutyana, bade baphelele abalingane namawabo asaza kubulawa kwanjengabo.