Revelation 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndabona xeshekweni yasinqikayo isincamatiselo sesitandatu, kekaloku bona ke, kusuke kwabako isingcangcazelo esikulu somhlaba; lati ilanga laba mnyama njengentlakantlaka yoboya, nenyanga yaba njengegazi,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; yathi inyanga yaba njengegazi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, kwasuka kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu; Ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya, nenyanga yaba njengegazi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi.