Revelation 7:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NASEMVENI kwezizinto ndabona ingelosi zane zimi emagumbini omane omhlaba, zibamba imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuteli moya pezu kwomhlaba, napezu kwolwandle, napezu kwamnye umti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva koko ndabona izithunywa zezulu zizine, zimi ezimbombeni zone zomhlaba, zibambe imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko ndabona izithunywa zezulu zine, zimi kwiimbombo zone zomhlaba, zibambe imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni, naphezu kolwandle, nakuwuphi na umthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ndabona izithunywa ezine zimi kwiikona zone zomhlaba. Zazivalele imimoya yomhlaba yomine apho, ukuze kungabikho nampunde yamoya uvela elwandle, okanye ucande emhlabeni, ungabhudli namnye umthi.