Revelation 7:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuso isizwe sika‐Zebulone amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Josefe amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Benjamine amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwisizwe sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Kwisizwe sikaYosefu, elinambini lamawaka. Kwisizwe sakwaBhenjamin, kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kwesakwaZebhulon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaJosefu yalishumi elinambini lamawaka, kwaza nakwesakwaBhenjamin yalishumi elinambini lamawaka.