Revelation 8:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
negama lenkwenkwezi leyo kutwa ngu‐Mhlonyane: saza isiqingata sesitatu sawo amanzi saba ngumhlonyane: bati abantu abaninzi bafa ngamanzi lawo, kuba enziwa ṙaṙa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nkwenkwezi kwakusithiwa ukubizwa kwayo nguKrakrayo. Saza ke isiqingatha sesithathu sawo onke amanzi saba krakra njengokrakrayo, kwafa inyambalala yabantu ngokuwasela.