Revelation 8:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yeza enye ingelosi, yema ngasesibingelweni, ipete isiqu̔melo sego lide; kwaye kunikwa kuyo into eninzi yeziqu̔miso, ukuze i yi nikele kunye nemitandazo yabangcwele bonke pezu kwesibingelo segolide pambi kwayo iterone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Seza esinye isithunywa, sema esibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Seza esinye isithunywa, sema ngasesibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide; wanikwa iziqhumiso ezininzi, ukuze azinikele, kunye nemithandazo yabo bonke abangcwele, phezu kwesibingelelo segolide, esiphambi kwetrone.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula.