Revelation 9:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati kekaloku abanye abantu, abo babengabulawanga ngezibeto ezi, abaguquka noko kuyo imisebenzi yezandla zabo, ukuze bangazibedeshi idemoni, nezitixo zegolide, nezesilivere, nezexina, nezamatye, nezemiti, ezikohlwa nakukubona, nakukuva, nakukuhamba;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabanye abantu ababengabulawanga ngezi zibetho abaguqukanga kwimisebenzi yezandla zabo, ukuba bangazinquli iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezelitye, nezemithi; akaboni, angeva, angahambi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amasalela abantu abasindayo kweso sibetho akazange ahlukane nezithixo awayezenzele. Akazange ayeke ukunqula iindimoni nezithixo ezaziqingqwe ngegolide nesiliva nobhedu, amatye nangomthi, izinto ezazingenako nokubona nokuva nokushukuma oku.